Inkundla yamatyala amancinci
Inkundla yamatyala amancinci
Faka elakho ityala !
Ngubani onokufaka ityala?
Nabanina ngaphandle kwabaqondisi bomthetho njengenkampani, amaqumrhu okanye imibutho yabo.
Ngaphandle korhulumente, ungamangalela nabanina uku quka iinkampani, ookopolotyeni, oomasipala neminye imibutho engaphantsi kweenkundla zamatyala
Yeyiphi imiba engamanyelwayo yilenkundla yama tyala?
Amatyala amalunga nokunikezelwa kwamalungelo.
Amatyala okubanjwa ngokungekho mthethweni, okufakwa entolongweni ngokungekho mthethweni, okungcoliswa kwegama lakho, intshutshiso embi, ukuhenda nokuphula izithembiso zomtshato.
Amatyala okuphelisa umtshato.
Amatyala okuqinisekisa ubunyani bomyolelo.
Amatyala amalunga nobume bomntu ekujongeni isimo sakhe sengqondo.
Amatyala apho isenzo esithile siyafuneka kube kungekho tyala lentlawulo yomonzakalo, ngaphandle kweemeko apho kunikwa ingxelo yetyala okanye ukunikezelwa kwempahla ehambayo okanye engenakuhamba engadluliyo ngexabiso kwiR7 000.
Ingaba unyanzelekile ufake ityala kwinkundla yama tyala amancinci?
Hayi, ungakhetha ukuba ufuna ukulifaka ityala lakho kwinkundla yamatyala amancinci okanye nakweyiphina inkundla yamatyala.
Ummeli kwezomthetho kwakunye noncedo ekufakeni ityala lakho.
Ukumelwa ligqwetha okanye igqwetha lejaji akuvumeleka-
Abacebisi kwezomthetho kwakunye noonobhala benkundla encinci yamatyala bangakunceda fele-fele.
Iitoliki
Naluphina ulwimi olusemthethweni eMzantsi Afrika lungasety enziswa enkundleni.
Amalungiselelo etoliki kufuneka enziwe kwangethuba nonobhala wenkundla ukuba ubungqina buzakukhutshwa ngolwimi omnye angalaziyo okanye angalichani kakuhle.
Ulifaka njani ityala?
Amanyathelo phambi kokufaka ityala
Thetha nalowo ummangalelayo ngobuqu, okanye ngomnxeba okanye ngokubhala, umcele azalisekise ityala lakho.
Ukuba ummangalelwa akasithobeli isicelo sakho, mbhalele uxele izizathu zetyala, nemali ekufuneka eyihlawule umchazele azalisekise ityala lakho kwiintsuku nje eziyi-14 eyifumene imbhalelwano yakho.
Nika ummangalelwa imbhalelwano ngesandla okanye uyithumele ngeposi.
Umqulu obhekiselelwe kulo ityala okanye ubungqina.
Iinkcukacha zommangalelwa igama lakhe, idilesi - eyasendlini nasemsebenzini - kwakunye neenombholo zakhe zomnxeba.
Yintoni umsebenzi kanobhala wenkundla?
Unobhala kwakunye nabacebisi bakhe kwezomthetho bazakuyifunda imiqulu yakho kwaye bakuncedise nasekuqulunqeni iisamani.
Uyakuthi akuxelele ngomhla nexesha wokumamela ityala.
Unganako ukuzinika ummangalelwa ngokwakho
OKANYE
Wenza ntoni ke?
Phambi kokuba kumanyelwe ityala qiniseka ukuba bukhona ubungqina beSherrif obuchazayo ummangalelwa wazifumana iisamani.
Gcina amaxwebhu, imiqulu nobungqina obubhekiselelwe kweli ityala esandleni.
Xelela amangqina akho ngomhla nexesha elizakumanyelwa ngalo ityala kwaye wenze amalungiselelo wokuba ba.ke ngethuba enkundleni.
Amanyathelo anokuthatyathwa ngummangalelwa emva kokufumana iisamani
Usenokuthumela imbhalelwano yakhe, apho azithethelela khona, kunobhala wenkundla kwaye athumele nekopi yoko kummangali.
Yintoni onokuyenza ukuba ummangalelwa usiza lisekisile isimangali sakho?
Yintoni onokuyenza ngomhla wokumanyelwa kwetyala?
Kufuneka ubekho enkundleni.
Qiniseka akho onke amangqina akho.
Qiniseka unabo ubungqina obuchazayo iisamani zathuny elwa kummangalelwa.
Ukumanyelwa kwetyala
Imigaqo yasenkundleni ilula kakhulu.
Akho gqwetha okanye gqwetha lejaji liyakukumela.
Umlawuli wenkundla uzakukuyalela uchaze isimangalo sakho. Beka amanqaku avakalayo.
Phendula imibuzo yomlawuli wenkundla kwaye unike ubungqina.
Wena nommangalelwa aniyikuvunyelwa nibuzane imibuzo.
Ngumlawuli-nkundla oyakukuvumela ubuze ummangalelwa.
Akho sibheno sinokufakwa kwisigwebo esiwiswe yinkundla.
Inkqubo yasenkundleni iyakuthi isiwe kwiNkundla ePhaka- mileyo ukuze igxekwe-inconywe ngezizathu ezintathu:
ukungabikho kolawulo lwezobulungisa; uthatho-cala, ulunya okanye ukunokaliswa kwezinto ngumlawuli-
nkundla, ukuhamba kakubi kwenkqubo zenkundla.
Amanyathelo alandela isigwebo
Kwiimeko apho isigwebo siwela wena
Zama ukuhlawula zonke iindleko zenkundla. Indleko oyakuthi ungene kuzo zezo zommangalelwa ngethuba ebesebenzisana neSherrif
Thobela isigqibo senkundla
Kwiimeko apho isigwebo siwela kummangalelwa
Apho ummangalelwa angakwaziyo ukuhlawula iindleko zesigwebo, inkundla iyakuphanda ngemeko yakhe yezemali nokuba uyakukwazi na ukusihlawula isigwebo neendleko kwaye ibone uhlobo amakahlawule ngayo.
Ukuba ummangalelwa akakwazi kuhlawula indleko zesigwebo okanye imiyalelo yenkundla yamatyala amancinci kwaye ufuna isigwebo senziwe, lo mcimbi usiwa kwinkundla kamantyi, njen­goko oko kuchazwe kwiMithetho yeNkundla kaMantyi ka 1944 (Act 32 of 1944). Kubalulekile ufumane uncedo lwezomthetho ngalenkqubo.
Okubalulekileyo
Eli phetshana likuchazela ngamanyathelo abalulekileyo athi athatyathwe xa kufakwa ityala kwinkundla yamatyala amancinci.
Ukuba ufuna uncedo ngalomba, idilesi neenombholo zomnxeba zikanobhala wenkundla yamatyala amancinci ungaqhagamshelana ne-o.si kamantyi ekufutshane nawe.
